


Besebenza benomdla wokuqiniseka ukuba isebe labo liyagqwesa, apha sibona uMichelle Arendze (ekunene) nombhaki uDorian Leonard kunye nezilebelo zabo ezikhethekileyo.

Inkonzo
Enoncumo!


Indidi ngeendidi zempahla zezamaxabiso aphantsi zithengiselwa abathengi ngendlela enomtsalane. Le yindlela abakwaShoprite Checkers abatsala ngayo abathengi kwisebe labo elibhaka izonka nelinokutya okuphakwayo.
Indawo zokubhaka izonka kwaShoprite Checkers ngumnqweno wale suphamakethi wokuthengisela okunomgangatho wasekhaya kwiimveliso zayo. Izilebelo ezibhakwa mihla le zinik umdla kangangokuba ukhe udideke!
Ngaphandle kwezonka ezimdaka nezimhlophe, abathengi banokukhetha nezinye izonka njengesehealth, ese-ry, nesegarlic. Ukongezelela kwezi kukho iirolls ezikrobokrobo, ezengqolowa entlakantlaka nezineembewu, akunakuze uxakwe ukuba unokuzenzela ngantoni iisandwitshi Ukwenzela onokukulumela ngeti unokukhetha phakathi kweapple tarts ukusa kwiicustard slices, okanye
unokukhetha iChelsea buns okanye iMadeira cakes
Kuba abakwaShoprite Checkers bezama ukwanelisa iimfuno nezicelo zabathengi, iindawo zabo zokubhaka izonka zibhaka izonka ezininzi zamatheko
ukwenzela amatheko angeempela-veki.
lzihlandlo ezikhethekileyo zibhiyozelwa ngokukhethekileyo ngezilebelo ezikhethekileyo. Ipasika ngumzekelo omhle kuba abathengi abakhe bayeke ukucela iihot cross buns. Ebudeni beminyaka abakwashoprite Checkers baye babalasela ngeehot cross buns zabo ezineziqhamo nezinongo eziyimfihlo. Obu bulumko bokunika abathengi okona kuxabisekileyo,
okucocekileyo, okusempilweni buyagcinwa kwindawo ezinokutya okuvuthiweyo, nabasebenza apho bazilungisa kakuhle iiodolo zabathengi. Kwezi ndawo kukho intlobo ngeentlobo zenyama ebandayo, iisoseji neesalamis, ngek' ungabikho umqwayito! Ukongeza ekonwabeleni ukuthenga kwaShoprite Checkers la masebe anokutya okuvuthiweyo akwathengisa neentlobo ngeentlobo zeesaladi ezifreshi. Enye inkonzo ebalulekileyo yokutya okuvuthiweyo ziintlobo ngeentlobo zokutya kwiivenkile ezithile. Enoba yibhrayi, litheko lestokfela okanye eleofisi minyaka le, libhiyozele ngokuthenga oku kutya ngamaxabiso aphantsi. Iintlobo zokutya okufumaneka kwaShoprite Checkers zininzi. KwaShoprite Checkers abasebenzisi zithako ezifreshi kuphela kodwa bakwaqinisekisa ukuba bakunika okusemgangathweni ukwenzela ukutya kwamatheko. Kukwabalulekile ukuba abathengi bafake iiodolo zabo usuku ngaphambi kokuba kuqale itheko, unokufowunela naliphi isebe elinokutya okuvuthiweyo kwashoprite Checker





Iroyal Baking Powder.
Royal Baking Powder iqinisekisa ukuba ubhaka okumnandi qho, ikuqinisekisa ngokubhakayo okusemgangathweni ekungekho nayiphi na ibaking powder enokwenjenjalo. Enoba ubhakela usapho okanye ummelwane, iRoyal isoloko ikuqinisekisa ngeziphumo zobutsha nokungonakali. Ukuba ufuna iitapile ezibondiweyo zibe khaphukhaphu, ukhoko olukrobokrobo kwintlanzi eqhotswe kumafutha amaninzi, okanye ikeyiki nganye oyibhakayo ibe luncuthu, yiRoyal baking powder onokuyizama nonokuyithemba - kumele!

IVETKOEK WITH CURRY MINCE
Amagwinya
2 iikomityi zecake flour
2 iitispuni zeRoyal Baking
Powder
1/2 setispuni yetyuwa iqanda
ikomityi yobisi ioyile yokuqhotsa

Sefa izithako esityeni. Qhuqha iqanda, galela ubisi kwizithako ezomileyo. Xubela kwintlama ethambileyo. Yenza shushu ioyile eyaneleyo ukuze ukwazi ukuqhotsa. lntlama yigalele ngecephe, qhotsa de kube nombala ogolide macala. Kubeke kwiphepha elinokukhama
amafutha.
Imince
15m1 yeoylle
itswele, linqunqe
ipeplle eluhlaza, inqunqwe
l0ml yekheri
450g yemince
30m1 yetshatni
30m1 yetomato sauce
ityuwa nepepile ukuze kuvakale

Yenza shushu ioyile. Qhotsa itswele nepepile eluhlaza de kuthambe. Galela ikheri. Pheka imizuzu emibini. Galela imince, qhotsa de ibe mdaka ngebala. Galela itomato sauce. Galela ityuwa ivakale. Kugalele ngecephe kumagwinya




UPETER MAGONGOA unamo27 eminyaka engathanda ukubhalelwa nguye nabani na oneminyaka ephakathi kwe-l8 nama-23. Uthanda ukubukela iTV, ukukhenketha, ukubhala iincwadi nokuya enkonzweni. Khanimbhalele ngesiPedi okanye isiNgesi nize nifake iifoto kwiileta zenu zokuqala. ldilesi yakhe ithi P0. Box 3363, Potgietersrus, 0600.

UG.V. NGUBE uthanda ukubhalelwa nguye nabani na oneminyaka ephakathi kwe-l8 nama-30. Uthanda ukudlala ibhola ekhatywayo. ukuphulaphula unomathotholo, ukufunda amaphephandaba neemagazini kwanokubukela iTV. Idilesi yakhe ithi Bells Senior Secondary School Private Bag 5528, Oshakati, Namibia.

UDJ GRACIANO M. JEREMIA
uyintatheli engaqeshwanga  isigxina neDJ yeklabhu engathanda ukubhalelwa nguye nabani na, Uyawuthanda umculo wesoul noweR&B nokuxuba umculo. Khanimbhalele ngesiNgesi kuphela. idilesi yakhe ithi
Private Bag 40, Goromonzi, Zimbabwe.

UJOHANNA S. MALOMA
ulinenekazi elinama-49 eminyaka elingathanda ukubhalelwa ngamanene aneminyaka ephakathi kwama-53 nama-59. Uthanda ukupheka, ukufunda nokubhala. Abaselayo nabatshayayo bangazikhathazi. Idilesi yakhe ithi P.o. Box 651386, Benmore,
2010.

UJOB YEBI unama-49 eminyaka engathanda ukuba nabahlobo naphi na. Uthanda ukuphulaphula umculo wokholo, ukuya ecaweni nokusebenza esitiyeni. Khanimbhalele ngesiNgesi, isiZulu isiXhosa okanye isiSuthu. ldilesi yakhe ithi: P.O. Box 71, Dangle, 3265.

UANDRES SACIO unama-35
eminyaka engathanda ukubhalelwa nguye nabani waseMzantsi Afrika. Idilesi yakhe ithi P.O Box 3000/03531112, Anthony, NM. 88021, United States of America.

UMALEHLOA ANN TABALIATILE
yintwazana ene-10 leminyaka engathanda ukubhalelwa nguye nabani na oneminyaka ephakathi kwe-10 ne 15



Uthanda ukubukela iTV, ukuphulaphula unomathotholo, ukuya ecaweni nokufunda iimagazini. Mbhaleleni ngesiNgesi okanye isiSuthu nize nifake ifoto kwiileta zokuqala. ldilesi yakhe ithi Rabeleng, P.O. Box 192, Tebong, 970, Lesotho.


UMATTY KALUNDINGAH
unama-21 eminyaka engathanda ukubhalelwa ngamagqiyazana aneminyaka ephakathi kwe-17 nama-20 akumazwe aseNtshona Yurophu nasejamani. Uthanda ukubukela iTV, ukukhenketha, ukubethwa ngumoya nokufunda iimagazini neencwadl zamabali, ukudlala intenetya, ezemidlalo nokuphulaphula umculo opholileyo. Mbhaleleni ngesiNgesi, isijamani okanye isiBhulu. Idilesi yakhe ithi P.0 Box 1384, Ondangwa, Namibia.


UTHOMA JUNIOR CHISAKANIZA
Ityendyana laseMalawi elinel7 leminyaka elingathanda
ukubhalelwa nguye nabani na, Uthanda ukuya ecaweni, ukudlala ibasket ball, ukuphulaphula umculo wereggae, ukubukela iifilim ukupha izipho neefoto. Idilesi yakhe ithi San Juan Crescent 24409 B.S., Bolta Postal 90379, Blantyre, Malawi, Central Africa.


UELISA NGUMANGWA ngumfo one-17 leminyaka ongathanda ukubhalelwa nguye nabani na oneminyaka ephakathi kwe-15 nama-25. Uthanda ukudlala, umculo nabahlobo. Ncedani nifake ifoto yamva nje kwiileta zenu. Idilesi yakhe ithi P.O Box 72346, Dar es Salaam, Tanzania, East Africa.


UPATRICK SENGA unama-22 eminyaka engathanda ukubhalelwa nguye nabani na oneminyaka ephakathi kwe-18 nama-60. Uthanda ukuncokola. Khanimbhalele nifake ifoto yamvanje kwiileta zenu. Idilesi yakhe ithi P.O Box 12666, bongo, Dares Salaam, Tanzania, East Africa.



92 BONA XHOSA - September 1997

XHOSA - Seter 1 997

98 BONA XHOSA - September 1997

		BONA XHOSA - September 1997 99

